Habakkuk 2:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aba bonke abayi kuteta ingoma na ngakuye, nesintsonkotelo sokuhlekisa ngaye, besiti: Makube nzima kulowo okwandisayo okungekokwake! kwoba kade kangakananina? nakulowo ozitwesayo ngezibambiselo ezininzi!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Aziyi kuwenza umzekeliso ngaye yini na, zonke ezo ziphela, zimkwekwele, zimntsonkothele, zisithi, Uha, lowo wandisa okungekwakhe! (kunini na?) esenjenjalo ezisindanisa ngezibambiso?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Aziyi kumhlazisa na zonke ziphela, zimngcikive, zisithi, Uha, lowo wandisa okungekwakhe! ixesha elingakanani? nokumthwalela udongwe olungqingqwa!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Abazi kuphoxisa ngaye kodwa, bahlekise ngaye bemenza isigculelo, besithi: ‘Mawoo ke, maqokelel' okungekuko okwakho, wena ozityebisa ngokuphanga impahla ekubanjiswe ngayo! Yaz'ba koda kube nini na kunje?’