Habakkuk 2:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba upangile izizwe ezininzi, sonke isisalela sabantu siya kupanga wena; ngenxa yegazi labantu, nobudlwengu obenziwe elizweni, esixekweni, nakubo bonke abemiyo kuso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekubeni wena ubhunyule iintlanga ezininzi, aya kukubhunyula onke amasalela ezizwe, ngenxa yamagazi oluntu, nangenxa yokuligonyamela kwakho ilizwe, nomzi, nabemi bawo bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekubeni wena ubhunyule iintlanga ezininzi, aya kukuphanga onke amasalela eentlanga; ngenxa yamagazi oluntu, nangenxa yogonyamelo olwenzekayo ehlabathini, phakathi komzi, nabemi bawo bonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku uxhaphaze izizwe ezininzi; wena ke woxhatshazwa ngamasalela azo. Kaloku uliphalazile igazi lomntu; ewe, uyitshabalisile imihlaba, wabhuq' iidolophu nabemi bazo.