Habakkuk 3:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wapuma ngenxa yokusindiswa kwabantu bako, ngenxa yokusindiswa kwabatanjisiweyo bako: walimaza intloko kwindlu yokohlakeleyo, uhluba umsekelo kude kube sentanyeni. Sela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba usindise umthanjiswa wakho: Uphaluse intloko endlwini yongendawo, Usihlube isiseko sakhe, ude use entanyeni. (Phakamisani.)
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uphume ukubasindisa abantu bakho, ewe, ukubasindisa ngomthanjiswa wakho; Uyaphule intloko endlwini yongendawo, Usihlube isiseko sakhe, use entanyeni. Sela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uphuma uye kubahlangula abantu bakho, ukuze usindise umthanjiswa wakho. Uyaludiliza uphahla lomzi wabakhohlakeleyo, kutyhileke iindonga kuye kutsho kwilitye lesiseko.