Habakkuk 3:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ekuveni kwam wangcangcazela umbilini wam, umlomo wam waqaqazela ngenxa yelizwi; ukubola kwangena ematanjeni am, ndangcangcazela endaweni yam; ukuba ndipumle emhleni yobunzima, akunyuka ngakubo abantu aya kubawela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndithe ndakuva, saxuxuzela isisu sam, Umlomo wam wabebezela seso sithonga; Kwangena impehla emathanjeni am, ndagungqa apho ndimi khona; Ukuba ndilindele imini yembandezelo, Eza ebantwini oya kubangenela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndathi ndakukuva oko, saxuxuzela isisu sam; Wabengezela umlomo wam ngelizwi elo; Kwangena isihogo emathanjeni am, ndangcangcazela phakathi kwam, Ukuze ndiphumle ngemini yokusindeka;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndithe ndakuva satsho saxuxuzela isisu sam, imilebe yatsho yabebezela; amathambo atsho angenelwa yimpehla, nemilenze yam yasuka yagevezela. Kambe ke ndowulinda ngomonde umhla wenkxwaleko; nditsho umhla oya kufikela olu hlanga lusihlaselayo.