Habakkuk 3:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakuba umkiwane ungatyatyambi, kungeko ukuxakata emitini yeveyine; nakuba ukuhlanza kweminquma kutshitsha, engavelisi ukutya amasimi; nakuba umhlambi unqanyulwa esibayeni, zingeko inkomo ezitaleni:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nokuba umkhiwane awusayi kutyatyamba, Kungabikho ndyebo emidiliyeni; Nokuba isiqhamo somnquma asiyi kuba siso, Amasimi angabi nakudla, Iphele esibayeni impahla emfutshane, Kungabikho nkomo esitalini:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nokuba umkhiwane awusayi kutyatyamba, nemidiliya ingavelisi siqhamo; umsebenzi womnquma uya kupheliswa, namasimi angayi kuvelisa kudla; izilwanyana ezincinci kufuneka zitshatyalaliswe kusasa, kwaye kungabikho iinkomo kusasa;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Noba ungade ungadubuli umkhiwane, umdiliya ungabi nazo neziqhamo, nokuba awungevelisi nto umnquma, namasimi ngokwawo angabi nasivuno, zingade zingabikho iigusha esibayeni, nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,