Habakkuk 3:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wema ke, wazamazamisa umhlaba; wakangela, wangcangcazelisa izizwe; intaba ezisisimakade zaci̔twaci̔twa, nenduli ezingunapakade zatshona: izihambo ezingunapakade zezake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umi, walishukumisa ihlabathi; Ukhangele, wazishukumisa iintlanga; Zaba nkumenkume iintaba zanini, Zasibekeka iinduli zasephakadeni; Iindlela zakhe yena zisephakadeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Usukile walilinganisa ihlabathi; zathi saa iintaba ezingunaphakade, zasibekeka iinduli ezingunaphakade; iindlela zakhe zingunaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthi angema lishukum' ihlabathi, azijonge zitsho zinkwantye izizwe. Iintaba zamandulo ziyaqhaqhamba; iinduli zakudala zona ziyatshona. Ewe, le yindlela yakhe yasephakadeni.