Haggai 1:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye uyehova wawuvusa umoya ka‐Zerubabeli unyana ka‐Shalatiyeli, inkosi ye‐Juda, nomoya ka‐Yoshuwa unyana ka‐Yotsadaki, umperisite omkulu, nomoya waso sonke isisalela sabantu; baye besiza basebenza endlwini kayehova wemikosi, utixo wabo,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wawuvuselela umoya kaZerubhabheli unyana kaShalatiyeli, ibamba lakwaYuda, nomoya kaYoshuwa unyana kaYotsadaki, umbingeleli omkhulu, nomoya wamasalela onke abantu. Beza ke, bawenza umsebenzi endlwini kaYehova wemikhosi, uThixo wabo,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wawuxhokonxa umoya kaZerubhabheli unyana kaShalatiyeli, irhuluneli yakwaYuda, nomoya kaYoshuwa unyana kaYotsadeki, umbingeleli omkhulu, nomoya wayo yonke intsalela yohlanga; beza basebenza endlwini kaYehova wemikhosi, uThixo wabo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uNdikhoyo wawuvuselela umoya werhuluneli uZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, nowombingeleli omkhulu uYeshuwa unyana kaYozadaki, nowabo bonke abantu abangamasalela, beza ke bawuqalisa umsebenzi wokwakhiwa kwendlu kaNdikhoyo onamandla onke uThixo wabo