Haggai 1:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nihlwayele okuninzi, kanti ningenisile okuncinane; nidlile, kanti anihlutanga; nisele, kanti anikolisile ukusela; nambete, kanti akuko ofudumeleyo; kanjalo ozuzayo umvuzo, uyawuzuzela inxowa esisibadlu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nahlwayela kakhulu, ningenise kancinane; niyadla, ningahluthi; nisela, ninganeli kukusela; nambatha, ningevi ntsitho; noziqeshisayo uziqeshisela ukuba agalele engxoweni enezikroba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nidle kakhulu, navula kancinane; niyadla, ningahluthi; niyasela, anganeli sisiselo; niyanxiba, kodwa akufudumezi; yaye lowo wamkela intlawulo uya kubaphosela etyaleni elinemingxuma.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nihlwayela kakhulu, kodwa nivune kancinane; ewe, niyadla, kodwa ningahluthi; niyasela, kodwa ninganeli; niyambatha, kodwa ningafudumali; niyaphangela, kodwa umvuzo wenu ube ngathi ufakwe engxoweni evuzayo.’