Haggai 1:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Benikangela okuninzi, kodwa bona ke, bekukuncinane; kanjako nakukugodusa, ndapepeta pezu kwako. Nganina? utsho uyehova wemikosi: ngenxa yendlu yam eci̔takeleyo, nokuba nibaleka abanye ngabanye ukuya kwezabo izindlu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nalindela into eninzi, nantso isuke yaba yinto encinane;nithe nakuza nayo ekhaya, ndayiphephetha. Ngani ke? utsho uYehova wemikhosi; ngenxa yendlu yam, yona le ilinxuwa, nibe nina elowo ebalekela endlwini yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ulinde ixesha elide, nantso i nto incinane; nithe nakuza nayo ekhaya, ndayivuthela. Ngoba? utsho uYehova wemikhosi. Ngenxa yebhodlo lendlu yam, nibalekela endlwini yenu nonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
‘Benilindele lukhulu, kodwa suka nazuz' intwan' encinci! Nithe nakuza nayo ekhaya, ndayivuthela yee shwaka! Ngani ke?’ utsho uNdikhoyo onamandla onke. ‘Kungenxa yendlu yam, yona le ilinxuwa, nibe nina elowo exakeke yeyakhe indlu.