Haggai 2:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba umntu uyatwala inyama engcwele esondweni lengubo yake, ati ngesondo lengubo yake acu̔kumise isonka, umhlaumbi ngumhluzi, umhlaumbi yiveyine, umhlaumbi yioli, umhlaumbi yenye into edlekayo, yoba ngcwele na? Baza bapendula abaperisite bati: Hai.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabonani, umntu ephethe inyama engcwele ngesondo lengubo yakhe, afike ngesondo lakhe esonkeni, nasentweni ephekiweyo, nasewayinini, naseolini, nasentweni nokuba yiyiphi edliwayo, yongcwaliseka na? Baphendula ababingeleli bathi, Hayi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ubani uthe wathabatha inyama engcwele ngomphetho wengubo yakhe, waza ngenxeba lakhe wachukumisa isonka okanye into eselwayo okanye iwayini okanye ioli okanye nayiphi na enye inyama, yoba ngcwele na? Baphendula ababingeleli bathi, Hayi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba umntu uphethe inyama ehlambulukileyo ngesondo lengubo yakhe, ngaba ke xa isondo laloo ngubo yakhe lirhece nokuba sisonka, ukutya okuphekiweyo, iwayini, amafutha omnquma, okanye nakuphi na ukutya, ngaba elo sondo likwenza kuhlambuluke oko kutya?’ ” Ababingeleli baphendula bathi: “Hayi!”