Haggai 2:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wapendula u‐Hagai, wati: Banjalo ababantu, sinjalo esisizwe, ebusweni bam, utsho uyehova; injalo yonke imisebenzi yezandla zabo; oko bakunikelayo apo kunco̔lile nako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula uHagayi wathi, Banjalo ke aba bantu, lunjalo ke olu hlanga ebusweni bam; utsho uYehova; unjalo ke wonke umsebenzi wezandla zabo, nento abayisondezayo khona apho iyinqambi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula uHagayi, wathi, Kunjalo kolu hlanga, lube nje olu hlanga phambi kwam, utsho uYehova; kube njalo ke kuwo wonke umsebenzi wezandla zabo; nento abayibingelelayo khona ayihlambulukile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uHagayi waphendula wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ekuboneni kwam bakwanjalo aba bantu kwakunye nolu hlanga. Ewe, unjalo wonke umsebenzi wezandla zabo, nento abanikela ngayo khona apho inomlaza.’ ”