Haggai 2:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ewe, ndiya kupenula iterone yezikumkani, namandla ezikumkani zabaheyideni ndowatshabalalisa; ndandiya kupenula inqwelo, nabo bakwela kuzo; kwaye kuya kuwa amahashe nabakweli bawo, omnye esiwa ngesiṙele somnye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndiyibhukuqe itrone yezikumkani, ndikutshabalalise ukomelela kwezikumkani zeentlanga; ndizibhukuqe iinqwelo zokulwa nabakhweli bazo, kuwe amahashe nabakhweli bawo; elowo awiswe likrele lowabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kuyibhukuqa itrone yezikumkani, ndiwatshabalalise amandla oorhulumente beentlanga; ndiya kuzibhukuqa iinqwelo zokulwa nabakhweli bazo; amahashe nabakhweli bawo baya kuwa, ngamnye ngekrele lomntakwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ndibakhiqe ookumkani kwizihlalo zabo, ndiwaphelise amagunya ezikumkani zeentlanga, ndizibhukuqe iinqwelo zokulwa nababhexeshi bazo, kuwe amahashe nabakhwele kuwo, elowo awe likrele lomtakwabo.