Haggai 2:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngubanina pakati kwenu oseleyo, owabona indlu le ebungcwaliseni bayo bokuqala? kunjanina ke ukuyibona kwenu kaloku nje? nxa ilinganiswa nayo, ayinjengento engeluto na emehlweni enu?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngubani na kuni apha oseleyo, owayibonayo le ndlu isesebuqaqawulini bayo bokuqala? Niyibona iyintoni na ke ngoku?Ayinjengento engento na emehlweni enu?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngubani na kuni apha oseleyo, owayibonayo le ndlu isebuqaqawulini bayo bokuqala? Ngoku ubona njani? Ngaba ithelekiswa nayo emehlweni akho?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
‘Ngubani na kuni osaseleyo owabubonayo ubunewu-newu bale ndlu mandulo? Ngoku ikhangeleka njani kuni? Xa niyithelekisa naleya ayikhangeleki ingeyonto?