Haggai 2:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ucebano endalwenza nani, ekupumeni kwenu e‐Jipete, nisenalo, nomoya wam umi pakati kwenu; zeningoyiki.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ilizwi elo, ndanqophisana nani ngalo ekuphumeni kwenu eYiputa, ndisaligcinile, noMoya wam umi phakathi kwenu; musani ukoyika.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokwelizwi elo, endakwenzayo kuni ekuphumeni kwenu eYiputa, ndisaligcinile, noMoya wam uphakathi kwenu; sukoyika.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
‘Ekuphumeni kwenu eJiputa ndanqophisa ukuba ndiya kuhlala ndinani. Ke uMoya wam usenani; musani ukoyika.’