Hebrews 1:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ute kulemihla yokugqibela wateta kuti ngonyana, ammisileyo ukuba yindlalifa yezinto zonke, okungaye kanjalo wawenza amazwe akoyo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
awammisayo wayindlalifa yeento zonke, awathi kwangaye wayenza indalo yonke;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngale mihla yokugqibela uthe wathetha nathi ngoNyana wakhe, awammisayo ukuba abe yindlalifa yeento zonke, awathi kwangaye wawenza amahlabathi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke kula maxesha okugqibela uthethe nathi ngoNyana wakhe. UThixo wammisela ukuba abe yindlalifa yezinto zonke, kwaye futhi ihlabathi liphela walidala ngaye.