Hebrews 10:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
singashiyi nje ukuzihlanganisana kwetu, njengokuba linjalo isiko lenxenye, koko siyalana: nisenje njalo kakulu ngakumbi, njengoko nibonayo ukuba umhla uyasondela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
singakuhilizeli ukuhlanganisana kwethu, njengesiko labanye. Masivuselelane kube kokukhona, niyibona nje ukuba imini leyo iyasondela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye, njengoko kulisiko labathile; masivuselelane ngokungakumbi, niyibona nje ukuba imini leyo iyasondela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kananjalo masikuxabise ukudibana namanye amakholwa, siphefumlelane, singabi njengâbo bawutyeshelayo lo mkhwa. Ewe, masikhuthazane ngakumbi nangakumbi, kuba nani niyabona ukuba imini leyo iyasondela.