Hebrews 10:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kukubetwa okubi ngakumbi kangakananina niba uya kubalelwa ukuba ufanele kona, lowo ute unyana katixo wamnyatela pantsi, negazi locebano walibala ukuba yinto enco̔lileyo, elo wenziwa ngcwele ngalo, nomoya wofefe wamdela?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Niba wobeka phi na ke ukufanelwa kukubethwa okubi ngakumbi, lo umnyathelele phantsi uNyana kaThixo, walibalela ekuthini liyinqambi igazi lomnqophiso athe wangcwaliswa ngalo, wamgxeka uMoya wobabalo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Niba, woba ufanelwe yisohlwayo esiqatha kangakanani na, lowo umnyathelele phantsi uNyana kaThixo, wabalelela igazi lomnqophiso, angcwaliswe ngalo, ukuba liyinto engeyiyo, ewenza into engento uMoya, lobabalo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke, nicinga ukuba wothiwani umntu odela uNyana kaThixo, umntu olenza into engento igazi lomnqophiso ahlanjwe lilo? Ewe, lowo ungcikiva uMoya wesisa! Ngokuqinisekileyo umntu onjalo ufanelwe sisohlwayo esingqongqo.