Hebrews 11:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aba bonke bafa beselukolweni, bengakwamkelanga nje ukufezwa kwamadinga, koko bawabonayo ekude, bakolwa ngawo, ba wa bulisa, baxela ukuba bangabasemzini nabaṙanukeli emhlabeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Aba bonke bafa ngokokholo, bengawafumananga amadinga;besuka bawabona kude, bakholosa, bathakazela, bavuma ukuba bangabasemzini, balundwendwe emhla beni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Aba bonke bafa ngokokholo, bengawafumananga amadinga; besuka bawabona kude, bakholosa, bathakazela, bavuma ukuba bangabasemzini, balundwendwe emhlabeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bonke aba bantu bafa benokholo. Babengekazixhamli iziqhamo zesithembiso. Kodwa naxa zazikude babezibona, bezilangazelela, bevuma ukuba bona baziindwendwe nje ezidlulayo kweli lizwe.