Hebrews 11:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngalo ukolo u‐Mosesi, akuba ebezelwe, wafihlwa ngoyise inyanga zantatu, ngenxa yokuba babona umntwana ukuba umhle; aboyika ummiso wokumkani kanjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokholo uMoses uthe, akuba ezelwe, wafihlwa iinyanga zantathu ngabazali bakhe, ngenxa enokuba bambona ukuba ungumntwana omhle, abasoyika isimiselo sokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokholo uMoses uthe akuba ezelwe, wafihlwa iinyanga zantathu ngabazali bakhe, ngenxa enokuba bambona ukuba ungumntwana omhle; abawoyika umthetho wokumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokholo abazali bakaMosis bamfihla iinyanga ezintathu emva kokuba ezelwe. Kaloku wayelusana oluthandekayo, baza ke àbasithobela isimiselo sekumkani ngokwenza loo nto.