Hebrews 11:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngalo ukolo wayishiya i‐Jipete, engoyikanga nje umsindo wokumkani; ngokuba wazingisayo, njengokuba ebona lowo ungabonekiyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokholo wayishiya iYiputa, akawoyika umsindo wokumkani;kuba wakrota, wanga uyambona lowo ungenakubonwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokholo wayishiya iYiputa, akawoyika umsindo wokumkani; kuba wakrota, wanga uyambona lowo ungenakubonwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokholo uMosis wayishiya iJiputa, phofu kungengakuba wayesoyika umsindo wekumkani. Wayefunzele phambili ngokungathi wayembona uThixo ongabonwayo.