Hebrews 11:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngalo ukolo u‐Enoki wasuswa ukuba angakuboni ukufa; waza akwafunyanwa, ngenxa yokuba utixo ebemsusile; ngokuba engekasuswa ebenqi̔nelwa ukuba ukolisile utixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokholo uEnoki wafuduselwa emazulwini ukuba angaboni kufa;akaba nakufunyanwa ke, ngenxa enokuba uThixo wamfudusayo; kuba ngaphambi kokufuduswa kwakhe, wangqinelwa ukuba umkholise kakuhle uThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokholo uEnoki wafuduselwa emazulwini ukuba angaboni kufa; akaba nakufunyanwa ke, ngenxa enokuba uThixo wamfudusayo; kuba ngaphambi kokufuduswa kwakhe, wangqinelwa ukuba umkholise kakuhle uThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokholo uInoki wathwetyulwa engakhange afe. *IziBhalo zithi: “Akazange aziwe bani apho akhoyo, kuba wayethathwe nguThixo.” Futhi ziyangqina iziBhalo ukuba uInoki wamkholisa uThixo ngaphambi kokuba athathwe.