Hebrews 11:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngalo ukolo u‐Nowa, akuyalwa ngutixo ngezinto ezingekabonwayo, wati ngokwoyika walungisela ukusindiswa kwendlu yake inqanawa; abete ngayo wagweba ilizwe, waza waba yindlalifa yobulungisa obungokwokolo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokholo uNowa, ehlatyelwe nguThixo ngazo izinto ebezingekabonwa, wathi ngokoyika uThixo wawakha umkhombe wokusindisa indlu yakhe, awathi ngalo waligweba ihlabathi, waba yindlalifa yobulungisa obungokokholo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokholo uNowa, ehlatyelwe nguThixo ngazo izinto ebezingekabonwa, wathi ngokoyika uThixo wawakha umkhombe wokusindisa indlu yakhe, athe ngalo waligweba ihlabathi, waba yindlalifa yobulungisa obungokokholo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokholo uNowa, xa wayexelelwa nguThixo ngezinto ezaziza kuhla, waphulaphula wakha inqanawa, walusindisa usapho lwakhe. Ngokholo lwakhe wabudandalazisa ubugwenxa behlabathi, waza wenziwa ilungisa nguThixo ngenxa yokuthembela kwakhe kuye.