Hebrews 11:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngalo ukolo wapulapula u‐Abrahame, akubizwa ukuba apume aye kulondawo ubeya kuda ayamkele ibe lilifa; wapuma ke, engazi kakulu apo aya kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokholo uAbraham wathi, akubizwa, Wakululamela ukuba aphume, aye kuloo ndawo abeza kuyamkela ukuba ibe lilifa;waphuma ke, engazi kakuhle nalapho aya khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokholo uAbraham wathi, akubizwa, Wakululamela ukuba aphume, aye kuloo ndawo abeza kuyamkela ukuba ibe lilifa; waphuma engazi apho aya khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokholo uAbraham walusabela ubizo lokuya kuma kwilizwe elalithenjiswe nguThixo kuye nakwinzala yakhe. Walishiya elakowabo, engazi nokuba makabheke ngaphi na.