Hebrews 12:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba bona okunene bebesiti imihla yamincinane basohlwaya njengokuba bekunga kulungile kubo; kodwa yena uyasohlway ela ukuncedwa kwetu, ukuba samkele kubo ubungcwele bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba bona okunene basiqeqesha imihla embalwa, ngokokuzithandela kwabo, kodwa yena usiqeqeshela okusilungeleyo, ukuze sahlulelane ngobungcwele bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba bona okunene basiqeqesha imihla embalwa, ngokokuzithandela kwabo; kodwa yena usilungele, ukuze sahlulelane ngobungcwele bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ootata bethu bona babesiqeqesha kangangoko, kodwa lilifutshane ixesha labo. Kambe ke yena uThixo, esiqeqesha nje, usilungiselela ukuba sibuxhamle ubungcwele bakhe.