Hebrews 12:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba bebengenyamezeleyo oko bekuyalelwayo: Nokuba sisilo kodwa esicu̔kumisayo intaba, siya kugityiselwa ngamatye, umhlaumbi siya kuhlatywa ngomkonto:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba babengenakukuthwala oko babeyalwa ngako; nokuba ithe inkomo yayichukumisa intaba, ibiya kuxulutywa ngamatye, ithi mhlawumbi ibinzwe ngomkhonto;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba babengenakuwuthwala loo umthetho, othi, Nokuba inkomo yayichukumise intaba, yayiza kuxulutywa ngamatye, okanye ihlabe ngomkhonto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku barhwaqeliswa ngumyalelo othi: “Nesilwanyana esithe sasondela apho entabeni masikhandwe ngamatye sife.”