Hebrews 12:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lumkani ukuba ningali lowo utetayo. Ngokuba abo bamalayo obeteta amazwi katixo emhlabeni ukuba abasinda ke, soti kakulu ngakumbi tina singasindi, sakupambuka kobevela ezulwini:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lumkani, ningamali lowo uthethayo. Ukuba ke abo, bamalayo lowo wahlabayo izihlabo emhlabeni, abasindanga, kobeka phi na ke ukugqithisela kokungasindi kwethu, thina bamnikela umva lowo uhlaba esemazulwini;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lumkani, ningamali lowo uthethayo. Kuba, ukuba abo bamalayo lowo wathethayo emhlabeni, abasindanga, kobeka phi na ke ukugqithisela kuthi, ukuba siyasuka simfulathele lowo uthethayo esemazulwini;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke sanukuba neenkani: phulaphulani xa athethayo. Abo babeneenkani, bangazange baliphulaphule ilizwi elalibalumkisa emhlabeni, abasindanga esohlwayweni. Ngokungakumbi ke nathi asiyi kusinda ukuba sineenkani, asiliphulaphuli ilizwi lalowo usilumkisayo ezulwini.