Hebrews 13:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ezozilo igazi lazo lingeniswa ngenxa yesono kweyingcwele indawo ngomperisite omkulu, imizimba yazo ezi iyatshiswa ngapandle kwomnquba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba ezo zinto ziphilileyo, zigazi lazo lingeniswa ngenxa yesono kweyona ngcwele nguye umbingeleli omkhulu, imizimba yazo itshiselwa ngaphandle kweminquba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku ezo zinto ziphilileyo, zigazi lazo lingeniswa ngenxa yesono kweyona ngcwele nguye umbingeleli omkhulu, imizimba yazo itshiselwa ngaphandle kweminquba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Njengoko nisazi, umbingeleli omkhulu ubengena negazi leenkomo neleebhokhwe kweyona ingcwele indawo, aze angxengxezele izono ngelo gazi. Kodwa inyama yazo yona ibitshiselwa ngaphandle.