Hebrews 13:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baveni abakokeli benu, ni ba lulamele: ngokuba bona bepapama pezu kwemipefumlo yenu, njengabo abaya kuzipendulela; ukuze bakwenze oku benovuyo, bengenakugula kanti; ngokuba kungalungele nina oku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathambeleni abakhokeli benu, nibathobele; kuba bona abalali, ngenxa yemiphefumlo yenu, ngokwabaya kuphendula, ukuze bakwenze oko bevuyile, bengancwini; kuba anisizakali kuko oko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathambeleni abakhokeli benu, nibathobele; kuba bona abalali, ngenxa yemiphefumlo yenu, ngokwabaza kuphendula, ukuze bakwenze oko bevuyile, bengancwini; kuba anisizakali kuko oko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zithobeleni iinkokheli zenu, nizihloniphe, kuba azilali lixhala ngenxa yenu. Kaloku kufuneka zenze ingxelo yomsebenzi wazo kuThixo. Ke ukuba niyazihlonela, woba khaphukhaphu umsebenzi wazo. Kanti ungaba nzima, ningancedeki nani, ukuba anizihloneli.