Hebrews 13:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukutshata makube kubekekile pakati kwabo bonke, nesilili masibe singanco̔liswa: abapimisi kodwa nabaṙexezi utixo wobagweba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke, nesilili masingadyojwa; ke abenza umbulo nabakrexezi, uThixo uya kubagweba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke, nesilili masingadyojwa; ke abenza umbulo nabakrexezi, uThixo uya kubagweba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umtshato uxabisekile; mawuxatyiswe nguye wonke ubani. Amadoda nabafazi mabanyaniseke omnye komnye, bangasixabheli isilili sabo. Ingqumbo kaThixo ijinga phezu kwabo bakrexezayo kwakunye nabo barheletyayo.