Hebrews 13:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukumila kwenu makube kokungenakutanda imali; nize nitomalale zizinto ezikoyo: ngokuba ete yena: Andisayi kukuyeka, andisayi kukushiya kanjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Isimilo senu masibe sesingathandi mali, yanelani zizinto eninazo; kuba etshilo yena ukuthi, Andiyi kukha ndikuyekele;wabuya wathi, Andiyi kukha ndikushiye;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Iihambo zenu mazingabi nankanuko; yanelani zizinto eninazo; kuba etshilo ukuthi, Andiyi kukha ndikushiye, ndingayi kukushiya;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani yinto eninayo. Kaloku uThixo uthi: “Andiyi kukuyekela; ndingayi kukufulathela.”