Hebrews 13:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ningaqu̔tywaqu̔tywa ngemfundiso ezininzi nezasemzini: ngokuba kulungile ukuba intliziyo iqiniswe ngokolo, kungabi ngezinto zokudla, abangancedwanga luto abo bahamba kuzo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Musani ukuphetshethwa ziimfundiso ngeemfundiso nezingezizo;kuba kuhle ukuba intliziyo iqine lubabalo; kungabi ngeento ezidliwayo, abangancedekanga zizo abo bahamba kuzo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Musani ukuphetshethwa ziimfundiso ngeemfundiso nezingezizo. Kuba kuhle ukuba intliziyo iqine lubabalo; kungabi ngeento ezidliwayo, abangancedekanga zizo abo bahamba kuzo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nize ningakhukuliswa enyanisweni ziimfundiso ezingabhadlanga. Kulungile ukuba somelezwe lubabalo lukaThixo, yaye imithetho ngezinto emazityiwe nemazingatyiwa ayincedi nto, ayizange ibancede nabo bayigcinayo.