Hebrews 2:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba bekufanelekile kuye, ekungenxa yake ziko zonke izinto, nekungaye ziko zonke izinto, akuzisa onyana abaninzi ebungcwaliseni, ukuba afezekise imbangi yosindiswa lwabo ngazo intlungu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba bekumfanele lowo, ezingenxa yakhe zonke izinto ezo, nezingaye zonke izinto ezo, ekubeni ezise oonyana abaninzi eluzukweni, ukuthi ayenze ngeentlungu igqibelele imbangi yosindiso lwabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba bekumfanele lowo, ezingenxa yakhe zonke izinto ezo, nezingaye zonke izinto ezo, ekubeni ezise oonyana abaninzi eluzukweni, ukuthi ayenze ngeentlungu igqibelele imbangi yosindiso lwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Njengoko ke uThixo, ezikholo yena, zikho ngaye zonke izinto, ethande ukubanika iwonga abantwana bakhe abaninzi, bekufanelekile ukuba amsulungekisele ubunkokheli ngokuva ubunzima uYesu, lowo wayeza kubakhokelela elusindisweni.