Hebrews 2:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba kwa nalowo ungcwalisayo nabo bangcwaliswayo bevela kuye omnye bonke: ekungenxa yalendawo akanantloni ukubabiza ngabazalwana,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba lowo ungcwalisayo, kwanabo bangcwaliswayo, baphuma kumnye bonke; ekungenxa yeli thuba angenazintloni ukubabiza ngokuthi ngabazalwana,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba lowo ungcwalisayo, kwanabo bangcwaliswayo, baphuma kumnye bonke; kungoko angenazintloni ukubabiza ngokuthi ngabazalwana;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku lowo ukhaphela kuThixo kwanabo bakhatshelwayo ngabamlibo mnye. Yiyo ke le nto uYesu angenazintloni ukuthi abantu ngabantakwabo