Hebrews 2:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kukona abefanelwa kukuba afane nabazalwana bake ngento zonke, ukuze abe ngumperisite omkulu onofefe nonyanisekileyo ezintweni ezilunge kutixo, aze enzele izono zabantu isizi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekuthe ngoko wafanelwa kukuba afane nabazalwana bakhe ngezinto zonke, ukuze abe ngonenceba, kwanombingeleli othembekileyo omkhulu ezintweni ezilunge kuThixo, ukuze azicamagushele izono zabantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke wafanelwa kukuba afane nabazalwana bakhe ngezinto zonke, ukuze abe ngonenceba, kwanombingeleli othembekileyo omkhulu ezintweni ezilunge kuThixo, ukuze azicamagushele izono zabantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ubemele ukuba afane nqwa nabantakwabo, khon' ukuze abe ngumbingeleli onovelwano nothembekileyo emsebenzini kaThixo, onako ukungxengxezela izono zabantu.