Hebrews 2:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
soti nina tina ukusinda sakuba singakataleli usindiso olukulu kangaka; olwati, lutetiwe yinkosi nje ukuqala kwalo, lwaqiniselwa kuti ngabo ba yi vayo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
sothini na thina ukusinda, sakuba siluhilizele usindiso olungakanana, lona lwaqalwa ukuthethwa yiyo iNkosi, lwaza lwaqiniselwa kuthi ngabo baluvayo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Sothini na thina ukusinda, sakuba siluhilizele usindiso olungakanana? eyathi ekuqaleni ukuthethwa yiyo iNkosi, yaza yaqiniselwa kuthi ngabo bayivayo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
singaphuncuka njani ke thina xa siludela olungaka lona usindiso? YiNkosi ngokwayo eluvakalisileyo olu sindiso kuqala, baza ke abo bayivileyo babungqina ubunyani balo kuthi.