Hebrews 2:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
uzibekile pantsi zonke izinto ngapantsi kwenyawo zake. Ngokuba, ekubeni wazibekayo ngapantsi kwake zonke izinto, akashiya nanye ingabekwanga ngapantsi kwake. Kodwa ngoku asikaboni zonke izinto zibekiwe pantsi kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zonke izinto wazithobela phantsi kweenyawo zakhe. Kuba, ekubeni wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto ezo, akashiyanga nto ingathotyelwanga phantsi kwakhe. Kukaloku ke asikaziboni zithotyelwe phantsi kwakhe zonke izinto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zonke izinto wazithobela phantsi kweenyawo zakhe. Kuba ekubeni wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto, akashiyanga nto ingathotyelwanga phantsi kwakhe. Kungokunje asikaziboni zithotyelwe phantsi kwakhe zonke izinto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umnike igunya lokulawula zonke izinto.” Ukuba ke uThixo umnike igunya lokulawula zonke izinto, akukho nanye into engekho ngaphantsi kolawulo lwakhe. Kambe ke ngenene, asikaziboni zonke izinto ziphantsi kwegunya lomntu okwangoku.