Hebrews 2:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Siyambona kodwa u‐Yesu, owenziwa abe ngapantsi kancinane kuzo ingelosi, ngenxa yobuhlungu bokufa, evatisiwe ngobungcwalisa nangodumo, ukuze ati ngofefe lukatixo abavele ukufa kwa bonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke sibona lo uncitshiswe kancinane kunezithunywa zezulu, uYesu ke, ethe ngenxa yeentlungu zokufa wathweswa uzuko nembeko, ukuze ngobabalo lukaThixo eve ukufa ngenxa yabo bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke sibona lo uncitshiswe kancinane kunezithunywa zezulu, uYesu ke, ethe ngenxa yeentlungu zokufa, ethweswe uzuko nembeko; ukuze ngobabalo lukaThixo eve ukufa ngenxa yabo bonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nanku ke kodwa uYesu. Yena wabekwa ngaphantsi kuhle nje kwizithunywa zikaThixo. Ngoku uthiwe jize ngesihomo nesithozela, kuba ngenxa yesisa sikaThixo wavuma ukufa ngenxa yoluntu lonke.