Hebrews 4:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ilizwi likatixo lipilile, lisebenza ngamandla, libukali ngakumbi pezu kweziṙele zonke ezintlangoti zimbini, lihlaba kude kube kukwahlulwa nokwompefumlo nokwomoya, nokwamalungu nokwomongo, lilungele ukuqiqa izicingo nenkumbulo zentliziyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba ilizwi likaThixo liphilile, lisebenza, libukhali ngaphezu kwamakrele onke antlangothi mbini; lihlaba liphumele, lide lahlule umphefumlo kwanomoya, amalungu kwanomongo;linokugweba iingcingane nezicamango zentliziyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ilizwi likaThixo liphilile, linamandla, libukhali ngaphezu kwamakrele onke antlangothi mbini; lihlaba liphumele, lide lahlule umphefumlo kwanomoya, amalungu kwanomongo; linokugweba iingcingane nezicamango zentliziyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ilizwi likaThixo liyaphila, liyasebenza. Libukhali ngaphezu kwekrele elibazwe macala. Lihlabanisela liye kuthi xhokro embindini, phakathi komzimba nomphefumlo, nasekudibaneni kwamathambo nomongo. Liyazihluza lizicalu-calula iingcamango neminqweno yabantu.