Hebrews 4:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba singenaye umperisite omkulu ongenamandla okuvana nati ezilwelweni zetu, kodwa obe elingiwe ngento zonke ngokufana nati, engenasono kodwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba asinambingeleli mkhulu ungenako ukuvelana nezilwelwe zethu; ke, sinowahendwayo ngeento zonke, ngokokufana nathi, engenasono.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku asinambingeleli mkhulu ungenako ukuvelana nezilwelwe zethu; ke, ulingwa ngeento zonke, ngokokufana nathi, engenasono.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku owethu umbingeleli omkhulu ngosivelayo ebuthathakeni bethu, kuba walingwa ngeendlela zonke njengathi, kodwa zange one.