Hebrews 4:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba tina bakoliweyo singena ekupumleni oko, njengokuba etshilo ukuti: Ndada ndafunga emsindweni wam ukuti: Abasayi kungena ukupumleni kwam: nakuba imisebenzi yake ibigqityiwe kwa sekumisweni kwelizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba thina sakholwayo, siyangena ekuphumleni, ngokoko athe, Njengoko ndafungayo, ndinengqumbo, Ndathi, Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam! nakubeni imisebenzi yenziwayo kususela ekusekweni kwehlabathi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba thina sakholwayo, siyangena ekuphumleni, ngokoko athe, Njengoko ndafungayo, ndinengqumbo, Ndathi, Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam! nakubeni imisebenzi yenziwayo kwasekusekweni kwehlabathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke thina sikholwayo, singabo bangenayo koko kuphumla kuxelwayo xa kusithiwa: “Ndithe ke ngomsindo ndafunga ndathi: ‘Abasoze bangene ekuphumleni kwam.’ ” Ke wona umsebenzi wakhe uThixo wayesele wawugqiba kwasekusekweni kwehlabathi.