Hebrews 4:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba ngoko lisasala idinga lokuba inxenye iya kungena kuko, nokuba abo bashunyayezwa indaba ezilungileyo ngako matanci bengangenanga ngenxa yokungeva:—
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekubeni ngoko kusalindele ke ukuthi kubekho bathile bangenayo kuko, baye abo, bashunyayezwayo iindaba ezilungileyo kuqala, bengangenanga ngenxa yokungeva:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Njengokuba ke kusasele abathile ukuba bangene kuwo, bathi ke abo, kwashunyayelwa iindaba ezilungileyo kuqala kubo, bangangenanga ngenxa yokungakholwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kucacile ke kodwa ukuba bakho bona abaya kungena. Abo babezive kuqala iindaba ezimnandi baphoswa bona kukungena ngenxa yokungakholwa kwabo.