Hebrews 5:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba naxeshekweni ninge nisiti ngenxa yexesha nibe ngabafundisi, nibuya nifanele ukuba umntu anifundise iziqalelo zokuqala zamazwi katixo; ewe ningabo abafanele ubisi, ninge ngabo abafanele ukutya okuqinileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba, nakuba benifanele ukuba ngabafundisi, ngenxa yokuba sekumzuzu nakholwayo, nibuye naswela umntu wokunifundisa iziqalelo zokuqala zezihlabo zikaThixo; nesuka naba ngabafanele ukusezwa amasi, anaba ngabafanele ukudla okuqinileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba, nakuba benifanele ukuba ngabafundisi, ngenxa yokuba sekumzuzu nakholwayo, nibuye naswela umntu wokunifundisa iziqalelo zokuqala zezihlabo zikaThixo; nisuke naba ngabafanele ukusezwa amasi, aningabokutya okuqinileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Benifanelwe kukuba nifundisa ngokwenu ngoku. Kodwa kusuke kwafuneka ibe nini abafundiswayo, niqaliswe emva kwizifundo zokuqala ezingeendaba zikaThixo. Kusuke kwafuneka nisezwe ubisi endaweni yokuba ninikwe ukutya okuqinileyo.