Hebrews 5:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukutya okuqinileyo kukokwabo abafezekileyo, kwabo abati ngenxa yokuqela banezimvo zabo ziqeliselwe ukuqiqa okulungileyo nokukohlakeleyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kokwabakhulileyo ke ukudla okuqinileyo, abo bathi, ngenxa yobugcisa, babe nezimvo eziqheliselwe ukucalula okuhle kwanokubi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ukudla okuqinileyo kokwabakhulileyo, abo bathi, ngenxa yobugcisa, babe nezimvo eziqheliselwe ukucalula okuhle kwanokubi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngabantu abadala abatya ukutya okuqinileyo; bona sebenamava, bayawazi umahluko phakathi kokuhle nokubi.