Hebrews 6:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba utixo engenguye ongenabulungisa, ukuba alibale umsebenzi wenu, nomzamo wenu wotando, enilubonakalisileyo ngakulo igama lake, senibakonzile nje abangcwele, nisabakonza kanjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuba akanantswela-bulungisa uThixo, ukude awulibale umsebenzi wenu, nomzamo wothando enalubonakalalisa kulo igama lakhe, nabalungiselelayo nje abangcwele, nisamana nibalungiselela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba akanantswela-bulungisa uThixo, ukude awulibale umsebenzi wenu, nomzamo wothando enalubonakalalisa kulo igama lakhe, nabalungiselelayo nje abangcwele, nisamana nibalungiselela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku yena uThixo akalotshijolo: akazange awulibale umsebenzi eniwenzileyo ngenxa yakhe, nothando enilubonakalise ngokulungiselela abantu bakhe – msebenzi lowo nisawuqhubayo unangoku.