Hebrews 6:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuze ningabi nakudangala, kodwa nibe ngabalandeli babo abati ngako ukukolwa nokuzeka kade balidle ilifa lamadinga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ke nibe ngabaxelisa abo bathi, ngokholo nangokunyamezela, bawadla ilifa amadinga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ke nibe ngabaxelisa abo bathi ngokholo nangomonde bawadla ilifa amadinga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Andinqweneli ukuba nibe ngamanqenerha, koko ndifuna ukuba nilinganise abo bathe ngokholo nomonde balidla ilifa lezithembiso.