Hebrews 6:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuze siti, ngazo indawo ezimbini ezingaguqulekiyo, ekungenzeki kuzo ukuba axoke utixo, sibe nolwonwabiso olwomeleleyo tina sisabeleyo ukulibamba itemba elibekwa pambi kwetu;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuze kuthi, ngezinto ezimbini ezingenakuguquleka, angenako ukuxoka ngazo uThixo, sithi thina, basindileyo, sabamba ithemba elibekwe phambi kwethu, sibe novuselelo olunamandla;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuze kuthi, ngezinto ezimbini ezingenakuguquleka, angenako ukuxoka ngazo uThixo, sithi, thina basindileyo, sabamba ithemba elibekwe phambi kwethu, sibe nentuthuzelo eqinileyo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nâzo ke izinto ezimbini ezingenakujikwa – isifungo nesithembiso – ibe ke noThixo akanakuxoka. Ngoko ke thina basindileyo siyakhuthazwa ukuba sibambelele nkqi kweli themba liphambi kwethu.