Hebrews 7:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NGOKUBA yena lo u‐Makizedeki, ukumkani we‐Saleme, umperisite katixo opezu konke, owakaulela u‐Abrahame ebuya ekubetweni kwabo okumkani wamtamsanqela;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba lo Melkitsedeke, kumkani weSalem, mbingeleli kaThixo Osenyangweni, wahlangabezanayo noAbraham, ebuya evela ekubulaleni ookumkani, wamsikelela;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku uMelkitsedeki lo, ukumkani waseSalem, umbingeleli kaThixo Osenyangweni, wahlangabeza uAbraham, ekubuyeni kwakhe ekubulaleni ookumkani, wamsikelela;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMelkizedeki lo ke wayengukumkani waseSalem, engumbingeleli kaThixo uPhezukonke. UAbraham wathi evela edabini apho wayoyise ookumkani, wadibana noMelkizedeki owasuka wamsikelela.