Hebrews 7:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba ke ngoko ufezeko beluko ngobuperisite bakuba‐Levi, (ngokuba abantu bebenikwe umteto pezu kwabo,) bekusafunwa nto nina, ukuba kuvuke umperisite wumbi ngesimo sika‐Makizedeki, nokuba angabizwa ngesimo sika‐Arone?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ngoko, ukuba okunene inzaliseko ibingabakho ngobubingeleli bakwaLevi (kuba abantu bewiselwe owobubingeleli umthetho), bekusafuneka ngantoni na ke, ukuba kubuye kuvele mbingeleli wumbi ngokohlobo lukaMelkitsedeke, angabizwa ngokohlobo luka-Aron?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ngoko, ukuba inzaliseko ibingabakho ngobubingeleli bakwaLevi (kuba abantu bewiselwe owobubingeleli umthetho), bekusafuneka ngantoni na ke, ukuba kubuye kuvele mbingeleli wumbi ngokohlobo lukaMelkitsedeke, angabizwa ngokohlobo luka-Aron?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaSirayeli ukunikwa kwawo umthetho wawusekelwe ngobubingeleli bakwaLevi. Ke, ukuba ababingeleli babaLevi babegqibelele, ngekungabangakho mfuneko yakuba kuvele mbingeleli wumbi, nokwenza ingumbingeleli wodidi lukaMelkizedeki, ingelulo oluka-Aron.