Hebrews 7:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba kubonakala kwa sekuhleni ukuba inkosi yetu yapuma kwesika‐Juda; isizwe angasitetelanga luto u‐Mosesi ngabo ubuperisite.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba kusekuhleni kanye, ukuba iNkosi yethu iphume kwesikaYuda isizwe, eso angathethanga nto ngaso uMoses ngobubingeleli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba kusekuhleni kanye, ukuba iNkosi yethu yaphuma kwaYuda; isizwe eso angathethanga nto ngaso uMoses ngobubingeleli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iyaqondakala into yokuba iNkosi yethu yeyendlu kaJuda, ibe ke uMosis akazange ayikhankanye le ndlu malunga nobubingeleli.