Hebrews 7:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
okuye u‐Abrahame wabela kwa isiqingata seshumi kuko konke; enguye kuqala ngokukunyushwa ukumkani wobulungisa, nasemva kwoko nokumkani we‐Saleme, okukuti, ukumkani woxolo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
awathi uAbraham wamabela nesishumi sezinto zonke (esithi okunene, ukuqala ukuthetha ngentetho evakalayo, ngukumkani wobulungisa, kodwa kamva abe nangukumkani weSalem, oko kukuthi, ngukumkani woxolo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athi uAbraham wamnika nesishumi sazo zonke izinto; kuqala ke, ngentetho evakalayo, ukumkani wobulungisa, aze emveni koko abe ngukumkani waseSalem, oko kukuthi, ngukumkani woxolo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena uAbraham wamnika isishumi sawo onke amaxhoba. Eli gama linguMelkizedeki lithetha “ukumkani wobulungisa”. Kanti ke futhi ukwangukumkani waseSalem, oko kukuthi “ukumkani woxolo”.